ABADLEZANA abazibulayo basenokuba bayaqala ukubona iyuku yaye abazi ukuba bafanele balindle ntoni kulo. Ukuba ukhe uzifunde iincwadi zeentsana ubone nemifanekiso yazo usenokuba unalo ufifi kodwa lindela nantoni na. Iintsana azifani yaye olwakho lusenokuba aluyiyo into obuyicinga.

Intloko - Intloko yosana olusandul ukuvela isenokubonakala inkulu emantla kwaye ibe ngathi ityekile okanye ibonakale ngathi idumbile okanye ineendawo ezishwabeneyo ezenziwe kukucinezeleka kwamathambo entloko xa belubelekwa. Ukudumba kwentloko namehlo, nazo naziphi na iimpawu zokucinezeleka ziya kuziphelela emva kweeveki ezimbalwa. Ufokotho oluba kwintloko yosana sisithuba esiphakathi kwamathambo okhakhayi esiwavumela
ukuba akhule. Kuqhelekue ukulubona lufukuza yaye ufanele ungoyiki ukuluhlamba xa uhlamba usana. Ufokotho ludla ngokuvaleka kwisithuba seenyanga ezili-12.
Amehlo - Lusenokubonakala ngathi luligxwem usana de lukwazi ukubona ngamehlo omabini ngaxeshanye, nto leyo idla ngokwenzeka xa lumalunga neenyanga ezimbini. Bonana nogqirha xa lubonakala luseligxwem nasemva kweenyanga ezintathu kuba kunokwenzeka ukuba kukho ingxaki. Kwiiveki ezintandathu zokuqala usana aluphumi nyembezi xa lulila yaye kufuneka unyango xa amehlo alo evaleka okanye esoloko eliia. lindlebe - zisenokubokalala ngathi zishwabene emva kokuzalwa kosana kodwa ziye ziswabuluka ngokuhamba kwexesha. Xa zibonakala zichophe
kakhulu zibuye zilunge zakukhula iinwele naxa seyimi ngendlela intloko yalo.
Umlomo - Amadyunguza emilebeni yosana adla ngokubangelwa kukuncanca ukanti inkwethu emhlophe elulwimini ibangelwa lubisi. Phofu ke le nkwethu ungayibhidanisi nezibhaxu zamabala amhlophe avela elulwimini abangelwa lusulelo longundo olufuna ukunyangwa.
Ulusu Ulusu losana lubonakala lomile lusobuza kwiintsuku zokuqala. Akuphela amabala okucinezeleka kwaxa beluzalwa kushiyeka kusekho amabala abomvu phezu kwamehlo, ebunzi okanye emqaleni. Amabala amnyama asezimpundu abangelwa kukudibana kwesenzi-bala lomzimba akabangelwa kukutya imifuno komdlezana xa ebekhulelwe njengoko abantu abaninzi

BONA XHOSA - July 1999 101
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS




Anikazani nosana lwakho yaye kuseza kuthath'
ixesha ukuba
niqhelane,
ungakhathazeki, lid'ithuba niza
bedla ngokutsho. Umkhango okanye intsumpa inokuvela nokuba kuphi na yaye ufanele uye kwagqirha okanye eklinikhi xa kukho okukukhathazayo. Irhashalala - usana ludla ngokuba nerhashalala iphinde iphele amaxesha ngamaxesha. Asinto ungade uzikhathaze ngayo kuba idla ngokuba yindlela ekuxelela ukuba usana ulufukela kakhulu. Ngokuhamba kwexesha inokubangelwa kukungevani nokutya okuthile, imo-zulu okanye usulelo, leyo ke ifuna ucele uncedo lukagqirha ungazami ukuyinyanga ngokwakho. Yiya kwagqirha okanye eklinikhi xa usana lunerhashalala lube lunobushushu yaye lusoloko lukhala lungafuni nokutya.
Inkaba - inkaba inokuboshwa ngelaphu elomileyo okanye iyekwe yomiswe ngumoya, yaye idla ngokuwa kwiintsuku ezisibhozo ukuya
kwezilishumi. Kuqhelekile ukuba kubekho iqhuma elincinane ngasenkabeni elikhukhumalayo xa usana lulila, lenziwa kukungadibani kwezihlunu ezithi zidibane kwisithuba sonyaka. Akudli ngakwenzeka ukuba kufuneke uqhaqho.
Amabele - Kuqhelekile ukuba ufike usana luneengono ezidumbileyo kwiintsuku ezimbalwa luzelwe nokuba luyinkwenkwe okanye luyintombazana na. Asenokuba nethontsana lobisi elifanele lingakhanywa kuba oko kudumba kuyaziphelela emva kweentsuku ezimbalwa.
Amalungu angasese ezintsaneni adla ngokubonakala ngathi makhulu ngokungaphaya, kodwa oku kuyinto eqhelekileyo yaye asukuba ejongiwe ngumbelekisi okanye ugqirha emva kokuba luzelwe usana. Usana
oluyinkwenkwe luzalwa idibene ipensile nejwabi zize zohlukane xa sele luneminyaka embalwa. Ungaze uzame ukuzohlukanisa okanye uzame ukuluhlamba phantsi kwejwabi. Kusenokubakho ukopha okungephi kusisi wosana oluyintombazana emva kokuzalwa, ukanti nokumhlophe okungathi yimikhunyu okuphuma kusisi kuqhelekile.
Likukhala - Zonk iintsana ziyakhala -ezinye zikhala kakhulu kunezinye. Ukukhala yeyona ndlela usana oluthetha ngayo xa luzixela ukuba lulambile okanye xa lufuna ukuthathwa. Luyakhala naxa luzama ukuzikhusela kwisandi okanye umbono olungawuthandiyo. Awulufekethisi xa uluthatha uluthuthuzele ngokuhamba-hamba nalo endlwini ube ujonga ukuba lufuna ntoni. Jonga ukuba alombathiswanga kakhulu na, ukuba
alugodoli na, alulambanga, aludinwanga, aluyithandi indlela oluhleli ngayo, lunesithukuthezi okanye lufuna ukutshintshwa ilweyile na. Wakubona ukuba ayikho into oluyikhalelayo, luyeke lukhala uphinde uyokulukroba kwakhona. Kuyenzeka usana lukhale xa lusozela. Kodwa xa lubonakala ngathi aluphilanga okanye lunobushushu luse kugqirha okanye eklinikhi . Ungaluqhelisi usana ukuluthatha qho xa lulila emva kokulutshintsha ilweyile, ukuluncancisa okanye ukuluguqula. Xa ukhe waluqhelisa loo nto kuya kubanzima ukuluyekisa.
Ukukhutywa - zonk iintsana zinamaxesha oku khutywa yaye ezi ninzi ziyatyekeza emva kokuncanciswa. Ubunzima - Ubunzima bosana bobona bubonisa ukuba usana lukhula lusempilweni na. Xa ungakhange uluncancise ibhotile usandul ukufuzala luya kuncipha kwiintsuku ezimbalwa emva kokuba luzelwe, kodwa luphinde lubuyele kubukhulu balo emva kweeveki ezi mbalwa. Iintsana ezincanca ibele kuphela buhla bunyuka ubunzima bazo kodwa emva kokuya kuncipha kwasemva kokuzalwa unokulindela ukuba lunyuke ngobunzima obuyi-150225g ngeveki . Iintsana zifuna ukuncanciswa kancinane, kodwa rhoqo. Ilindle - Usana luqala lukhuphe ilindle elimnyama elincangathi ebelisemathunjini xa belungekazalwa yaye kufanele kuphume lona ngaphambi kokuba kuqalise ukwetyiswa kokutya. Lidla ngokuphuma ngemini yokuqala luzelwe, ngoko xa lingaphumanga kufuneka kuxelelwe umongikazi. Emva koko luya kuba nejindle eliqanda-luhlaza. Ludla ngoku cuca kanci nane kancinane ngoko qho xa ulutshintsha ilweyile uya kufumana linelindle. Oku kuqhelekile asikuko ukuba luyarhuda ukuba luphilile yaye lutya ngokufanelekileyo. Kungenzeka ubone kukho imigcana yegazi kwilindle losana nedla ngokubangelwa kukuba mhlawumbi luginye intwana yegazi xa belubelekwa. Ungalihlambi ilweyile xa ubone oko uze ulibonise umongikazi. Ukuba nelindle eliqinileyo kosana kuluphawu lokuba aluwafumani ngokwaneleyo amanzi nokuba uluncancisa ibele okanye ibhotile na. Ukungazithumi qho kosana akuthethi kuthi luyaqhinwa, yaye akufanelenga kubonwe njengengxaki xa ilindle lalo lithambile yaye lukhula kakuhle. Ukulala - Iintsana azinabuthongo ngokufanayo yaye xa usana ulupha ukutya ngokwaneleyo yaye ulugcina lufudumele luya kulala ngokwaneleyo. Iintsana ezizelwe ngaphambi kwexesha zinobuthongo kangangokuba ziye zifune ukuvuswa sityiswe xa zisandul'ukuzalwa. Kodwa ezinye iintsana azizilali iiyure ezili-1O ukuya kwezili-12 ngemini kodwa zikhule nje kakuhle.
Ziyaxakekisa iintsuku zokuqala unosana, ingakumbi xa ilizibulo. kodwa yiba nomonde ungalindeli lukhulu kuwe naselusaneni. Phofu ke nokuba umasu maninzi, uya kufunda okuthile kusana ngalunye kuba kaloku azifani. 
kwazana.


Ubomi Nosana

lwakho
Olutsha
Umdlali oyimbalasane kwinyanga kaJulayi kwiKnorrox Tasty Soya Mince iBona nguDavid Lucky Miya waseMakeneng Village eQwa Qwa.
UDavid une-17 leminyaka efunda eShakahane Secondary School eWitsieshoek apho angomnye weenjuze ezithembisayo.
Ube negalelo elimangalisayo kwezeembaleki ukususela ngo-1966 kwaye uneembasa
ezine, iindebe ezi-2, iimbasa zegolide ezisi-7, i-14 yeembasa zesilivere kwaneembasa
zeBronze ezi-3.
UDavid uthi ukunkcunkca ezindleleni kokona kunzima, nyakenye uphume kwindawo yesine kwaza kudidi lwabaselula waphuma kwindawo yokuqala kwiHarrismith l5km Mountain Race . Uphume kwindawo yesithathu xa kuhlanganiswa iimbaleki zizonke waza wakweyokuqala kudidi lwabaselula kwiBergville Little Switzerland 15km Race .
Umele iphondo lakhe eFreyistata , kwiSA 10km Championships eBhayi, ukhethwe
njengoyena obalaseleyo kwabaselula kwiMpuma Freyistata .
AbakwaKnorrox Tasty Soya Mince bavuyisana naye ngokukhethwa kwakhe
njengophumelele kule nyanga. Wena nesikolo sakho niza kufumana izinto zokudlala
ezivela kwaKnorrox
BONA XHOSA- July 1999 113


KUNQAMKILE UKUYA EXESHENI
Ndinama-33 eminyaka yaye emva kokubeleka izibulo lam ngo-1982 kwanqamka ukuya exesheni. Kodwa ndiye koogqirha neekliniki eziliqela kodwa akude kunyangwe oku. nguN.C.N., eBhayi

Kwincwadi ondibhalele yona akucacisi nokuba ubusebenzisa hlobo luni lokucwangcisa. Ukungayi exesheni okuxhalisayo kunokubangelwa zizitofu zocwangciso ukuba ubuzisebenzisa, ndicebisa ukuba ungabi sazisebenzisa izitofu endaweniyazo ibe ziipilisi , oku kunokulawula ukuya kwakho exesheni. Xa ungancedakali kungcono uye kugqirha okanye ekliniki ukuze uxilongwa ukuzama ukuqonda imbangi. Ingxaki isenakuba kzuisibeleko okanye amaqanda okanye kwinxalenye yobuchopho ekuzhizua yipituitary gland (idlala elisezantsi kobuchopho nelinegalelo ekukhuleni nasekusebenzeni komzimba).

NDIYAKHAWULEZA
UKUFIKELELA
KUBUMNANDI
EKULALANENI
Ndinama-25 eminyaka ingxaki yam kukufika msinya kwincam yoluvo ekulalaneni nto leyo ebangela mna neqabane lam singaziva sonele. Ndazi nini ukuba lanelisekile, ndinokwenza ntoni ukuthintela oku kufika msinya kwincam yoluvo ekulalaneni? NgUS.P.T.D., kuKomani.

Le ngxaki unayo iqhelekile. Ngelishzua jsisombululo asilula kodwa bukho ubugcisa obunokunceda kule meko, ukuze nobabini niphumelele ekusombululeni le ngxaki. Ndikucebisa ukuba uye kugqirha okanye omnye umntu onokukufundisa ngobugcisa obufunekayo akucebise wena neqabane lakho.
Ibhinqa linokukuxelela xa lanelisekile ukanti kwilungu langasese lalo unokuphazvula ubumanzi obuninzi kulo nokuthi phuhlu kweengono. Umntu
ngamnye kukho okumanelisa kakhulu kungako kubalulekile ukuzixoxa ezi zinto ukuze nobabini nanelisane kwezesondo.



NDITHANDANA NABAFANA ABA-5
Ili-19 iminyaka yam yaye ndithandana nabafana aba-5. Bonke phofu ndiyabathanda kodwa mnye jwi endimthanda kakhulu kunabo bonke. Ngoku ndithini?
NgUM.T., eMaseru.

Ukuba ubuneendibano zesondo nesi sihlanu ngaphandle kwamathandabuzo unaso esinye sezifo ezosulelzua ngokulalana. Ukuxilongwa ngugqirha okanye ekliniki licebiso endikunika lona ukuze kunyangwe esi sifo. Kungcono ukuba ube neqabane elinye, kuze ukulalana ukugcinele umtshato. Khangela ke, thembeka kubudlelwane benu. Phungula abo ongabafuniyo uze ukokose uthando lwakho nalowo umthandayo.

.INOBUNONO,
IYAMANGALISA
Icream yokunonophela ulusu iGentle Magic inobunono, unokuyisebenzisa ekuthambiseni nasekukhuseleni ulusu losana oluhle.
iGentle Magic ineevithamini nePH balance , ikwanezithako ezikhethekileyo njengesulphur necamphor ezonda ulusu losana olusebuthathaka, ikwalukhusela kwizifo nakukutshiswa lilanga. Xa ukhathalela usana lwakho, sebenzisa intwana yeGentle Magic ... uza kuva ukuthamba.
IGentle Magic ... yicream enobunono nesebenza ngokumangalisayo.
iyafumaneka kwiikhemisti neevenkile ezithengisa izithambiso.
